BleachBit



INKCAZELO:
Xa ikhompyuter yakho igcwala, iBleachBit ikhulula ngokukhawuleza indawo yedisk. Xa ulwazi lwakho ilishishini lakho kuphela, iBleachBit igada ubumfihlo bakho. NgeBleachBit unokukhulula i-cache, ucime iikuki, ucime imbali ye-Intanethi, ucande iifayile zexeshana, ucime iilog, kwaye ulahle inkunkuma obungayazi ukuba ikhona. Yenzelwe iLinux kunye neenkqubo zeWindows, yosula amawaka ezicelo eziquka iFirefox, Adobe Flash, Google Chrome, Opera, nokunye. Ngaphandle kokucima iifayile, iBleachBit ibandakanya izinto eziphambili ezinje ngokucofa iifayile ukunqanda ukuchacha, ukosula indawo yasimahla yedisk ukufihla umkhondo weefayile ezicinywe zezinye usetyenziso, kunye nokucoca iFirefox ukuyenza ikhawuleze. Ingcono kunesimahla, iBleachBit ngumthombo ovulekileyo.

